6 “Abaphakamileyo nabaphantsi baza kufa ngokufanayo. Abayi kulilelwa, bengazi kungcwatywa nokungcwatywa. Akukho mntu uya kuziqaphula noya kucheba intloko ngenxa yabo.
7 Akukho bani oya kumnika ukutya evelana naye oswelekelweyo, nditsho nokuba selebhujelwe ngunina okanye uyise. Ewe, akayi kusezwa nethontsi eli.
8 “Uze ungangeni kumzi onesidlo, ungahlali phantsi utye usele kunye nabo.”
9 Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: “Ndiza kuyiphelisa loo ntswahla yemigcobo neziyolo, nditsho ilizwi lomtshakazi nelomyeni. Oko nokubona ngawenu amehlo kule mihla yenu.
10 “Wakuba uwavakalisile onke la mazwi, abantu baza kubhekisa kuwe besithi: ‘Kungani na ukuba uNdikhoyo asimisele intlekele engaka? Buyini na ubugwenxa bethu? Siyini na isono sethu esimone ngaso uNdikhoyo uThixo wethu?’
11 Uze wena ubaphendule uthi: ‘Kungenxa yokuba ooyihlo-mkhulu bandishiya, balandela oothixo basemzini, babakhonza, baqubuda kubo. Mna bandifulathela, abawuthobela umyalelo wam.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
12 ‘Kodwa nina niziphethe kakubi nabadlula ookhokho benu: nako elowo elandela ukuqaqadeka kwentliziyo yakhe ekhohlakeleyo endaweni yokuba andiphulaphule mna.