14 Mna okokwam ndisezandleni zenu; yenzani loo nto nibona ifanele ukwenziwa.
15 Kambe ke nize nazi kakuhle ukuba xa nindibulala noba netyala lokuphalaza igazi elimsulwa, nikunye nesi sixeko nabemi baso, kuba mna ngenene ndithunywe nguNdikhoyo ukuba ndize kuwathetha kuni la mazwi niwevileyo.”
16 Iziphathamandla zikunye nabantu bonke, zathi kubabingeleli nabashumayeli: “Lo mntu akasifanelanga isigwebo sokufa! Uthetha nathi egameni likaNdikhoyo uThixo wethu.”
17 Kwavela amadoda amakhulu elo zwe, abhekisa kuloo ntlanganiso, athi:
18 “Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda kwabakho umfo waseMoreshete, owayenguMika igama, owathetha nabantu bonke bakwaJuda esithi: ‘Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“ ‘Iya kuphethulwa ixel' intsim' ilinywa iZiyon,yona iJerusalem ibe yimfumba yamabhodlo,intaba yendlu kaThixo yona ibe ziinduli ezinamahlathi.’
19 “Ingaba uMika wabulawa na ngukumkani uHezekiya kunye nabantu bakwaJuda? Akazange na uHezekiya amoyike uNdikhoyo azicelele isisa kuye? Akazange na yena uNdikhoyo ayirhoxise intlekele abeselegqibe ukubahlisela yona? Thina sisemngciphekweni wokuzihlisela ishwangusha!”(
20 Kukwakho nomnye umfo owayengu-Uriya unyana kaShemaya waseKiriyati-yarim owayeshumayela naye egameni likaNdikhoyo, ethetha kwale nto ithethwe nguJeremiya ngesi sixeko neli lizwe.