19 “Ingaba uMika wabulawa na ngukumkani uHezekiya kunye nabantu bakwaJuda? Akazange na uHezekiya amoyike uNdikhoyo azicelele isisa kuye? Akazange na yena uNdikhoyo ayirhoxise intlekele abeselegqibe ukubahlisela yona? Thina sisemngciphekweni wokuzihlisela ishwangusha!”(
20 Kukwakho nomnye umfo owayengu-Uriya unyana kaShemaya waseKiriyati-yarim owayeshumayela naye egameni likaNdikhoyo, ethetha kwale nto ithethwe nguJeremiya ngesi sixeko neli lizwe.
21 Ukumkani uJoyakim kunye namagorha akhe neziphathamandla zonke wafuna ukumbulala akuliva udaba lwakhe. Wathi akuyiva loo nto u-Uriya, wasabela eJiputa.
22 Ukumkani uJoyakim wamthumela eJiputa apho uElinatan unyana ka-Akebhore, eneqela lamadoda, ukuba aye kumlanda u-Uriya.
23 Babuye naye eJiputa, bamsa kukumkani Joyakim, owathi u-Uriya makaxatyelwe ngekrele, umzimba wakhe uye kulahlwa apho kungcwatyelwa khona abantu abaphantsi.)
24 Kwavela uAhikam unyana kaShafan, waxhasa uJeremiya, akabi sanikezelwa ke eluntwini ukuba abulawe.