10 “ ‘Musa ukoyika ke, sicaka sam Yakobi;nawe Sirayeli, mus' ukunkwantya.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Ndiza kukuhlangula kwelo lizwe likude,ndiyikhulule inzala yakho kumazwe engabathinjwa kuwo.Ewe, uYakobi woxhamla inzolo nolonwabo,kungabe kubekho bani umothusayo.
11 Ndinawe ukuze ndikusindise.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.‘Zona iintlanga endikuchitha-chithe phakathi kwazondozitshabalalisa mpela,kodwa wena andiyi kukucima tu igama.Nawe phofu uza kohlwaywa;ndiza kukuqeqesha,phofu ndingabi ngqongqo kuwe.’
12 “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.
13 Awunamthetheleli;awunayeza lokuzinyanga izilonda,ungenalo nethemba lokuphiliswa.
14 Izithandwa zakho zikulibele zonke;azisacingi nokucinga oku ngawe.Ndikubethe oku kotshaba,ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,nezono zakho ezininzi.
15 Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho,nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka?Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakhonobuninzi bezono zakho.
16 “ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo;bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni.Bonke abakuphangayo nabo bophangwa;nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.