12 “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Inxeba lakho alinako nokubotshwa oku;wenzakele kangangokuba ungabi nakunyangwa.
13 Awunamthetheleli;awunayeza lokuzinyanga izilonda,ungenalo nethemba lokuphiliswa.
14 Izithandwa zakho zikulibele zonke;azisacingi nokucinga oku ngawe.Ndikubethe oku kotshaba,ndakuqeqesha ngqongqo ngenxa yezikreqo zakho ezikhulu,nezono zakho ezininzi.
15 Yini ukuba ukhale ngenxa yenxeba lakho,nangenxa yeentlungu zakho ezingenakunyangeka?Ndikwenzele konke oku ngenxa yobukhulu bezikreqo zakhonobuninzi bezono zakho.
16 “ ‘Kodwa ke bonke abaqwenga wena boqwengwa nabo;bonke abakuchasayo baya kusiwa ekuthinjweni.Bonke abakuphangayo nabo bophangwa;nabo bakwenza amaxhoba bokwenziwa amaxhoba nabo.
17 Ke wena ndiza kukubuyisela empilweni,ndikupholise amanxeba,nakuba kusithiwa ungumlahlwa, iZiyon engafunwa bani.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
18 “Utsho uNdikhoyo ukuthi:‘Izindlu zakwaYakobi ndiza kuzibuyisela kundalashe,zidle ngendebe endala,ndibe nemfesane kumzi ngamnye.Amanxuwa aseJerusalem aza kuvuswa,nebhotwe lime kwasendaweni yalo.