3 Mhlawumbi bangaguquka kule mikhwa mibi yabo abantu bakwaJuda xa besiva ngentlekele endizimisele ukubazisela yona, nam ke ndibaxolele izikreqo nezono zabo.”
4 UJeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wambizela onke amazwi kaNdikhoyo awathethe kuye, yena uBharuki wawabhala encwadini apho.
5 UJeremiya waxelela uBharuki wathi: “Ndithintelwe; andinakuya endlwini kaNdikhoyo.
6 Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu.
7 Mhlawumbi ukubongoza kwaba bantu kungavakala kuNdikhoyo, baguquke nakwimikhwa yabo emibi, kuba ubasongele enengqumbo nomsindo omkhulu aba bantu uNdikhoyo.”
8 UBharuki unyana kaNeriya wenze njengoko wayalelwa ngumshumayeli uJeremiya, wabafundela abantu apho endlwini kaNdikhoyo loo mazwi ayebhalwe kuloo ncwadi.
9 Ngenyanga yethoba, kunyaka wesihlanu uJoyakim engukumkani wakwaJuda, kwabhengezwa umhla wenzila kubo bonke abantu baseJerusalem kwanâbo babevela kwiidolophu zakwaJuda. Injongo yayiyeyokuba bazisole phambi koNdikhoyo.