10 Ndithi nokuba beningade niwubhuqe wonke umkhosi wamaKaledi onihlaselayo, kusale nje iingxwelerha ezintenteni, zona kanye beziya kuvuka zisitshabalalise ngomlilo esi sixeko.’ ”
11 Wakuba urhoxile eJerusalem umkhosi wamaKaledi emva kokuva iindaba ngomkhosi waseJiputa,
12 uJeremiya wanduluka kweso sixeko, esinga kummandla wakwaBhenjamin, esiya kuthatha isabelo sakhe kubantu balapho.
13 Uthe akufika kwisango leJerusalem ekuthiwa lelakwaBhenjamin, umshumayeli uJeremiya wabanjwa nguIriya, unyana kaShelemiya owayezalwa nguHananiya, owayeyintloko yabalindi, wathi: “Ubhacela kumaKaledi!”
14 UJeremiya uthe: “Hayi, uyaxoka! Andibhaceli kumaKaledi.” UIriya akazange afune nokuva oku, usuke wambamba, wamsa kwiziphathamandla.
15 Zona zacaphuka, zathi makakatswe, avalelwe entolongweni endlwini kaJonatan unobhala, eyayenziwe intolongo.
16 Wavalelwa uJeremiya esiseleni esinamagunjana, apho wahlala khona ithuba elide.