21 Kodwa ke ukuba uyala ukuzinikezela, uNdikhoyo undityhilele ukuba
22 bonke abafazi abasesebhotwe lokumkani wakwaJuda baya kusiwa kumaphakathi okumkani waseBhabheli. Abo bafazi bothi kuwe:“ ‘Bakulukuhle weyela abo gxa bakho bebhongo.Ngoku inkal' ixing' etyeni – bakushiye kwesinomhlwa.’
23 “Bonke abafazi bakho nabantwana bakho baya kusiwa kumaKaledi. Wena akuyi kuphuncula esandleni sawo: uya kubanjwa ngukumkani waseBhabheli, nesi sixeko sitshatyalaliswe ngomlilo.”
24 Emva koko uthe ukumkani uZedekiya kuJeremiya: “Uze ungayithethi mntwini le ncoko yethu, ukuba akufuni kufa.
25 Kodwa ke xa zithe iziphathamandla zeva ukuba bekhe sadibana, zize ke zithi kuwe: ‘Sixelele, ubusithini kukumkani, waza yena wathini kuwe? Ukuba uthethe konke, asiyi kukubulala,’
26 uze uthi: ‘Bendiye kucenga ukumkani ukuba angandibuyiseli kulaa ndlu kaJonatan, kuba ndoyika ukufela khona.’ ”
27 Zaya kuJeremiya zonke iziphathamandla, zafika zambuza ngencoko yakhe nokumkani. Wazixelela konke athe ukumkani aze azixelele kona. Azibanga nakumphikisa kuba yayingavelwanga bani incoko yakhe nokumkani.