3 NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”
4 Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda.
5 Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo,
6 ingamadoda nabafazi nabantwana kwakunye neentombi zokumkani, bonke abaya bantu babeshiywe nguNebhuzaradan umphathi wabalindi bakomkhulu elugcinweni lukaGedaliya unyana ka-Ahikam umzukulwana kaShafan. Wayelapho nomshumayeli uJeremiya, ekunye noBharuki unyana kaNeriya.
7 Bonke baya kuma eJiputa, besala ukumthobela uNdikhoyo, baya kutsho eTapanesi.
8 Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo eseTapanesi, lisithi:
9 “Thatha amatye amakhulu, uwombele, uwadibanise ngodaka emgangathweni wezitena osesangweni lakomkhulu eTapanesi. Oku kufuneka ukwenze emehlweni amaJuda.