23 Luya kuligeca liphele elo hlathi lakho lishinyeneyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.“Akamaninzi – yinyambalala engenakubalwa oku kweenkumbi.
24 Intombi enguJiputa ihlazekile;inikelwe esandleni sesizwe esivela ngasentla.”
25 UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye.
26 Ndiza kubanikezela esandleni salowo uzungula ubomi babo, uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli namaphakathi akhe. Phofu eli lizwe laseJiputa lobuya limiwe njengakwimihla yamandulo.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
27 “Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi;ungaxhalabi, wena Sirayeli.Uyabona, ndiya kukuhlangula,ndikuphuthume kuloo ndawo ikudeapho ungumthinjwa khona,wena nenzala yakho,abuye uYakobi azole,onwabe,angoyikiswa mntu.
28 Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi.”Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo.“Kaloku mna ndinawe.Ndiza kuziphanzisa zonke iintlanga endikuchitha-chithele kuzo,kodwa andiyi kukuphanzisa wena.Nawe phofu uya kohlwaywa;ndiza kukuqeqesha,phofu ndingabi ngqongqo kuwe.”