6 kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe.
7 Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.
8 Kwakukho abelusi kwakweso sithili, behlala ezindle, belinda imihlambi yabo ebusuku.
9 Babona isithunywa seNkosi simi ngakubo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke. Baza boyika kakhulu.
10 Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.
11 Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi *onguKrestu iNkosi.
12 Nantsi into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali.”