9 Ke uYesu wabenzela umzekeliso abantu, wathi: “Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe ixesha elide.
10 Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto.
11 Wabuya wathuma esinye isicaka kubo. Basibetha ke naso, badlala ngaso, naso semka singaphathanga nto.
12 Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha.
13 Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’
14 Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’
15 Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala.“Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya?