12 Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]
13 Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem.
14 Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.
15 Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo,
16 kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane.
17 UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;
18 waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”