9 Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya;
10 kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’
11 Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
12 Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
13 Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.
14 UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla.
15 Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.