27 UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’
28 “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”
29 Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.
30 Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.
31 UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?
32 Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:“ ‘Sanombelela, naza anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
33 “Kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, naza nina nathi: ‘Unendimoni.’