3 Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.
4 Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,
5 kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”
6 UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.
7 Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam.
8 Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”
9 Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.”