8 Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”
9 Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.”
10 Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile.
11 Emva koko uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekunye neqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.
12 Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho.
13 Ithe ke iNkosi, yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.”
14 Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!”