18 Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;
19 nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zoné zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
20 Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
21 Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwazé: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
22 Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.