5 Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
6 Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wògcina umphefumlo wakhe.
7 Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
8 Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
9 Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho?
10 Mlahle uThixo, ufe. Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na?Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
11 Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.