13 Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.
14 Ke kaloku uDavide walawula uSirayeli ewonke jikelele, ebaphethe kakuhle nangobulungisa bonke abantu bakhe.
15 UJowabhi, unyana kaZeruya, wayeyinjengele yomkhosi, uYoshafati, unyana ka-Ahilude, engumthathi-manqaku.
16 Ke yena uZadoki, unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki, unyana ka-Abhiyatare, babengababingeleli, uShavesha yena engunobhala.
17 UBhenaya, unyana kaJoyada, wayongamele abalindi abangamaKreti namaPleti. Ke bona oonyana bakaDavide bengamaphakathi kakumkani aphambili.