2 Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi, aza aba phantsi kwakhe, amnika imirhumo.
3 Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere, wamoyisa, wamsukelisa, waya kumfaka eHamati, xa kanye wayezama ukumilisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.
4 UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.
5 Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.
6 Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo apho konke ahamba khona.
7 UDavide wawahlutha amakhaka egolide awayephathwa ngamaphakathi kaHadadizere, waya nawo eJerusalem.
8 Kwiidolophu zikaHadadizere iTebha neKun, uDavide wathimba intaphane yobhedu olwasetyenziswa nguSolomon xa wayesenza ichibi lobhedu, iintsika, kwanezinye izinto ezazenziwe ngobhedu.