3 Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.
4 Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire.
5 UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6 UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu.
7 Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam.
8 Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.
9 Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe.