1 Ke kaloku uthe akukhula, xa seleyindoda enkulu, uDavide wabeka unyana wakhe uSolomon wangukumkani kwaSirayeli.
2 Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi.
3 Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka.
4 UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi.