18 Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti.
19 Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam.
20 Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.
21 Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22 UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe.
23 Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24 Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.