23 Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24 Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.
25 Kaloku uDavide wathi: “Ngoku uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe; yena ke uya kusoloko ehlala ehleli eJerusalem.
26 Ngoko ke abaLevi aba akuseyomfuneko kubo ukuthwala isibingelelo nezixhobo ezisetyenziswa kuso.”
27 Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu.
28 Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo.
29 Yayingabo abajongene nesonka esasihlala etafileni, umgubo womnikelo weenkozo, nemiqhathane enganyuswanga, ukubhaka nokuxuba, nazo zonke iindidi zemilinganiselo.