26 Ngoko ke abaLevi aba akuseyomfuneko kubo ukuthwala isibingelelo nezixhobo ezisetyenziswa kuso.”
27 Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu.
28 Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo.
29 Yayingabo abajongene nesonka esasihlala etafileni, umgubo womnikelo weenkozo, nemiqhathane enganyuswanga, ukubhaka nokuxuba, nazo zonke iindidi zemilinganiselo.
30 Ngazo zonke iintsasa kwakufuneka beme babulele badumise uNdikhoyo; nasemalanga ke kwakufuneka benze kwaloo nto.
31 Ukanti nanini na kusenzelwa uNdikhoyo amadini atshiswayo *ngeMihla yokuPhumla nangemibhiyozo yokuthwasa kwenyanga, nangawo onke amatheko amisiweyo. Kwakufuneka bahlale belungiselela uNdikhoyo ngamathuba amisiweyo, naloo nto ke beyenza ngendlela emisiweyo.
32 Ngoko ke abaLevi abo bawuqhuba umsebenzi wabo apho esibingelelweni nakwindawo engcwele, bephantsi kwabantakwabo abayinzala ka-Aron, belungiselela apho endlwini kaNdikhoyo.