2 Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.
3 Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.
4 Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti.
5 Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.
6 Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu.
7 Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo.
8 Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.