5 Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.
6 Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu.
7 Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo.
8 Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.
9 Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela:elokuqala: elikaJosefu umAsafu,elesibini: elikaGedaliya,
10 elesithathu: elikaZakure,
11 elesine: elikaIzeri,