19 Ngawo lawo ke amaqela abagcini-masango abayinzala kaKora nabayinzala kaMerari.
20 Amawabo abaLevi ayongamele oovimba bendlu kaThixo noovimba bokugcina izinto ezingcwele.
21 ULadan, unyana kaGershon, wazala uYehiyeli nabanye oonyana ababeziinkulu zezindlu.
22 Oonyana bakaYehiyeli, uZetam nomninawa wakhe uJoweli, babongamele oovimba bendlu *kaNdikhoyo.
23 Bekukho nama-Amram, amaIzare, amaHebron, namaUziyeli aphathiswe imisebenzi ethile.
24 UShebhuweli umzukulwana kaGershom unyana kaMosis ebengunondyebo wendlu kaThixo.
25 UShebhuweli wayezalana noShelomiti. Kaloku uElizere, umntakwabo-Gershom, wazala uRabhiya, uRhabhiya wazala uYeshaya, uYeshaya wazala uYoram, uYoram wazala uZikri, uZikri wazala uShelomiti.