1 Yeziganeko 29:17-23 XHO96

17 Ndiyazi kambe, Thixo wam, ukuba wena uyayivavanya intliziyo, ukholiswa ngumntu othe ngqo. Ewe, zonke ezi zinto ndizinikela ngezandla ezivulekileyo nangeenjongo zokunyaniseka. Kananjalo nam ndibone ndatsho ndavuya xa aba bantu bakho abalapha namhlanje benikela kuwe ngezinwe ezinje.

18 Ewe, Ndikhoyo, Thixo woobawo bethu uAbraham, uIsake, noSirayeli, olu langazelelo lugcine luvutha ezintliziyweni zabantu bakho, kude kuse ephakadeni; kananjalo iintliziyo zabo zithimbe, ukuze banyaniseke kuwe.

19 Nalo nyana wam unguSolomon mnike intliziyo ephelelisileyo ekuyithobeleni imithetho nemiqathango nemimiselo yakho, ukuze enze konke okusemandleni akhe ezabalazela ukulakha eli pomakazi lebhotwe esenjenjalo ukulilungiselela.”

20 Ngoku ke uDavide wabhekisa ebandleni lilonke, wathi: “Dombozani nimdumise uNdikhoyo, uThixo wenu.” Ngoko ke bonke abantu bambonga uNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; ewe, baduma, bakhahlela, bawa phantsi phambi koNdikhoyo naphambi kokumkani.

21 Ngomhla olandelayo ke kwenzelwa *uNdikhoyo amadini; bamenzela amadini atshiswayo ngewaka leenkunzi zeenkomo, iwaka leenkunzi zeegusha, newaka lamaxhwane angamaduna, kunye neminikelo ethululwayo, kwaneminye iminikelo, yonke iyintabalala enikelwa egameni lamaSirayeli ewonke jikelele.

22 Ngaloo mini ke batya basela bedlokova yimincili apho phambi koNdikhoyo. Baza ke kwakhona abantu bamvuma uSolomon unyana kaDavide ukuba ungukumkani wabo, bamthambisa phambi koNdikhoyo ukuze abe ngumlawuli wabo, ke yena uZadoki abe ngumbingeleli wabo.

23 Ngoko ke uSolomon wangqendeva esihlalweni sikaNdikhoyo wangukumkani esikhundleni sikayise uDavide. Waba nempumelelo ke; wabe yena wonke uSirayeli emthobela.