15 Uphendule wathi uNdikhoyo: “Hayi, akunjalo; ukuba kubekho mntu ukubulalayo, ndomohlwaya ngokuphindwe kasixhenxe.” Waza ke uNdikhoyo wamphawula uKayen khon' ukuze nabani na odibana naye angambulali.
16 Wemka ke uKayen kuNdikhoyo, waya kuhlala eNodi, empuma yeIdeni.
17 UKayen nomkakhe bafumana umntwana oyinkwenkwe, uInoki. Wakha isixeko uKayen, wasithiya ngegama lonyana wakhe.
18 UInoki wazala unyana, wathi igama lakhe nguHiradi. Yena uHiradi wazala uMehuyali; uMehuyali wazala uMethusali; uMethusali yena wazala uLameki.
19 ULameki wayenabafazi ababini, uAda noZila.
20 UAda wazala uYabhali, ongukhokho kwabo babehlala ezintenteni, bengabafuyi.
21 Umntakwabo-Yabhali yayinguYubhali, ongukhokho wazo zonke iimvumi ezidlala iihapu neefleyiti.