43 Wamnika enye yeenqwelo zakhe ukuba ajikeleze ngayo njengesekela likakumkani. Wamnika namaphakathi okuhamba emgabulela izigcawu endleleni esithi: “Shenxani nikhahlele!” Wamiselwa ke uJosefu, waba ngumphathiswa waseJiputa.
44 Wathi ukumkani kuye: “Ukumkani ndim, ndithi ke akukho bani kulo lonke elaseJiputa oya kwenza nto engakhululelwanga nguwe.”
45-46 Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa.
47 Ngale minyaka isixhenxe yendyebo saba sikhulu kakhulu isivuno.
48 Wasivalela koovimba isivuno uJosefu kuzo zonke iidolophu. Kwidolophu nganye wayeqokelela ukutya okuvunwe kumasimi alapho.
49 Ingqolowa yayiyintaphane kangangokuba wada wayeka ukuyiveyisha uJosefu. Yayingangentlabathi ukuba ninzi kwayo.
50 UAsenati intombi kaPotifera, umbingeleli waseOni, wazalela uJosefu oonyana ababini ngaphambi kwendlala.