11 Ndombonelela elapho, kuba kusasele eminye iminyaka emihlanu yendlala, yaye andifuni afe yindlala, yena nendlu yakhe, nento yonke anayo.”
12 Uqhube wathi uJosefu: “Niyaqonda ke nonke ngoku ukuba ndinguJosefu, nditsho nawe Bhenjamin.
13 Ze nimxelele ubawo ngamagunya endinawo apha eJiputa, nimbalisele ngayo yonke into eniyibonileyo. Nikhawuleze ke, nize naye apha.”
14 Wawola uBhenjamin umntakwabo, walila, noBhenjamin walila emgonile.
15 Esalila njalo wabagona abantakwabo, wabancamisa. Baqala ukuncokola naye ke abantakwabo emva koko.
16 Zakuvakala komkhulu iindaba zokuba uJosefu ufikelwe ngabantakwabo, ukumkani namaphakathi bavuya.
17 Wathi kuJosefu: “Xelela abantakwenu ukuba balayishe ukutya kwabo, baye eKanana,