13 Bawuthwala umzimba wakhe, bawusa eKanana, bafika bawungcwaba kumqolomba owawuseMakapela, ngasempuma yeMamre, kulaa mhlaba uAbraham wawuthenga kuEfron umHeti, ube yindawo yokungcwabela.
14 Akuba emngcwabile uyise, uJosefu wabuyela eJiputa, kunye nabantakwabo kwakunye naloo nginginya yayimkhaphile.
15 Emva kokubhubha kukayise abantakwabo-Josefu baphathwa lixhala lokuba hleze kuthi kanti uJosefu usababambe isixhiba ngento embi abamenza yona.
16-17 Bathumela isigidimi ke kuJosefu ukuba sise umlomo othi: “Ubawo wathi ze sithi kuwe, Josefu, uze usixolele ngesenzo esakwenza sona. Sixolele ke ngoko, thina zicaka zikaThixo kabawo.”Zehla iinyembezi kuJosefu akuwuva loo mlomo.
18 Bathi ke, abantakwabo beze buqu, bafika bakhahlela, bathi: “Thina sizizicaka zakho.”
19 Suka uJosefu wathi: “Musani ukuxhala, andingoThixo mna.
20 Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.”