10 Walinda iintsuku zasixhenxe, waphinda walikhupha ihobe.
11 Labuya ngokuhlwa seliphethe igqabi lomnquma ngomlomo, elalisandul' ukulikha. Waqonda ke uNowa ukuba amanzi athothile.
12 Walinda ezinye iintsuku ezisixhenxe, waza walikhupha kwakhona ihobe. Alizanga liphinde libuye ngesi sihlandlo.
13 Kuthe ke xa uNowa wayemakhulu mathandathu ananye ubudala, ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, aba seletshonile amanzi emhlabeni. Wawuvula umnyango wenqanawa uNowa, wakhangela ngaphandle macal' onke, wawubona umhlaba womile.
14 Ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe, ngenyanga yesibini, laliselome khonkqo ilizwe.
15 UThixo wathi kuNowa:
16 “Phuma enqanaweni kunye nomkakho, noonyana bakho, kunye nabafazi babo.