10 “Xa kukho into oyiboleke umntu othile, sukungena endlwini yakhe xa uye kulanda impahla abambisa ngayo;
11 linda phandle, ibe nguye oyizisayo.
12 Ukuba lo mntu lihlwempu, le mpahla yakhe ke mayingalali kuwe,
13 koko yibuyisele kuye ukutshona kwelanga, kuba uyayifuna ngexesha lokulala. Úya kuthamsanqeliswa ke nguloo mntu, nesenzo sakho sibe sesobulungisa emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakho.
14 “Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu.
15 Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.
16 “Abazali mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabantwana babo, nabantwana mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabazali babo; umntu makabulawe ngenxa yesono asenze ngokwakhe.