4 laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”
5 “Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.
6 “Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.
7 “Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.
8 “Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona.
9 Yikhumbule into awayenzayo *uNdikhoyo uThixo wakho kuMiriyam ngokuya naniphuma kwelaseJiputa.
10 “Xa kukho into oyiboleke umntu othile, sukungena endlwini yakhe xa uye kulanda impahla abambisa ngayo;