1 Nantsi ke imiqathango yomnqophiso *uNdikhoyo awayalela uMosis ukuba awenze namaSirayeli kwelaseMowabhi; yona ixhasa umnqophiso owenziwa nguNdikhoyo kwintaba iHorebhe.
2 UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela.
3 Nizibonile izibetho ezirhwaqelisayo, imiqondiso, nemimangaliso ayenzileyo uNdikhoyo.
4 Kanti unanamhla akaninikanga ingqondo yokuqiqa, namehlo okubona, neendlebe zokuva.
5 Kule minyaka ingamashumi amane ndinikhokela entlango, impahla yenu yokunxiba, ngokunjalo neembadada zenu, azikhange ziguge.