2 UJeremiya wathetha nabantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem xa bebonke, wenjenje:
3 “Kwiminyaka engamashumi mabini anantathu ukuza kuthi ga ngoku, kususela kunyaka weshumi linantathu elawula ukumkani uJosiya unyana ka-Amon, ilizwi likaNdikhoyo lalisoloko lifika kum, ndibe nam ndiphindelela ukubhekisa kuni. Koko nina nisuke anahoya nto kwaphela.
4 Naxa ephindelela uNdikhoyo ukunithumela zonke izicaka zakhe ezingabashumayeli, nisuke nina aneva, analibekela indlebe ilizwi lakhe.
5 Abo bashumayeli babesithi: ‘Guqukani elowo kwimikhwa yakhe emibi, nakwizenzo zakhe ezimdaka, khon' ukuze niwuhlale ngonaphakade kanaphakade lo mhlaba wanikwa nina nooyihlo-mkhulu nguNdikhoyo.’
6 Babesithi: ‘Ze ningalandeli thixo bambi, nibakhonze, niqubude kubo. Ze ningamcaphukisi uNdikhoyo ngezithixo enizenze ngezenu izandla, ukuze anganihliseli intlekele.’
7 Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo, uthi: ‘Nina anindiphulaphulanga, suka nandicaphukisa ngoothixo enibenze ngezandla zenu, naza nazibizela ububi.’
8 “Ngoko ke, utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Niyabona, ngenxa yokuba ningafunanga kundiva,