12 uJeremiya wanduluka kweso sixeko, esinga kummandla wakwaBhenjamin, esiya kuthatha isabelo sakhe kubantu balapho.
13 Uthe akufika kwisango leJerusalem ekuthiwa lelakwaBhenjamin, umshumayeli uJeremiya wabanjwa nguIriya, unyana kaShelemiya owayezalwa nguHananiya, owayeyintloko yabalindi, wathi: “Ubhacela kumaKaledi!”
14 UJeremiya uthe: “Hayi, uyaxoka! Andibhaceli kumaKaledi.” UIriya akazange afune nokuva oku, usuke wambamba, wamsa kwiziphathamandla.
15 Zona zacaphuka, zathi makakatswe, avalelwe entolongweni endlwini kaJonatan unobhala, eyayenziwe intolongo.
16 Wavalelwa uJeremiya esiseleni esinamagunjana, apho wahlala khona ithuba elide.
17 Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makasiwe kuye ebhotwe, apho wambuza khona ngasese esithi: “Ngaba unalizwi livela kuNdikhoyo?”Waphendula wathi uJeremiya: “Ewe, ndinalo. Wena uza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.”
18 Uqokele wathi uJeremiya, ebhekisa kukumkani uZedekiya: “Ndone ngantoni na kuwe, okanye kumaphakathi nakubantu bakho, sendibona ndifakwe entolongweni nje?