1 Akugqiba uJeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke *kaNdikhoyo uThixo wabo awamthuma wona uNdikhoyo kubo,
2 uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’
3 NguBharuki unyana kaNeriya lo ukuhlohle lo moya mbi, efuna ukuba sinikezelwe esandleni samaKaledi, aze asibulale, okanye asenze abathinjwa kwelaseBhabheli.”
4 Ke ngoko uYohanan unyana kaKareya, ekunye nabaphathi-mabutho kunye nabantu bonke bala ukumthobela uNdikhoyo ngokuthi bahlale kwelakwaJuda.
5 Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo,
6 ingamadoda nabafazi nabantwana kwakunye neentombi zokumkani, bonke abaya bantu babeshiywe nguNebhuzaradan umphathi wabalindi bakomkhulu elugcinweni lukaGedaliya unyana ka-Ahikam umzukulwana kaShafan. Wayelapho nomshumayeli uJeremiya, ekunye noBharuki unyana kaNeriya.