1 Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2 UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;
3 uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;
4 uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;
5 uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese;