13 uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
14 uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi;
15 uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
16 uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.
17 Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.
18 Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima.
19 Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese.