2 UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo;
3 uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram;
4 uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman;
5 uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese;
6 uJese wazala uDavide ukumkani.UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya;
7 uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
8 uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya;