20 Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.
21 Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”
22 Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, esithi:
23 “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).
24 Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe;
25 kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.