10 Ze ningaphathi ngxowa, nazambatho ngazibini, nazihlangu, namsimelelo. Kaloku umvuzo ulilungelo kumntu osebenzayo.
11 “Nakusiphi na isixeko okanye idolophu enithe nangena kuyo, funani lowo unokuthi anamkele, nihlale khona de nimke kuloo ndawo.
12 Nakungena emzini, ze nibabulise abakuwo.
13 Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni.
14 Ukuba bathe àbanamkela, okanye àbawaphulaphula amazwi enu, ze nithi nakuphuma kuloo mzi, okanye kweso sixeko, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu nikhalala.
15 Inene, eso sixeko siya kuva ubunzima ngaphezu kweSodom neGomora ngomhla womgwebo.”
16 “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.