16 “Niyabona, ndinithuma njengeegusha phakathi kweengcuka. Ke ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nilulame njengamahobe.
17 Balumkeleni abantu, kuba baya kuninikela ezinkundleni, nikatswe *ezindlwini zesikhungo.
18 Nomiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam. Kulapho niya kundingqinela khona kubo nakuzo iintlanga.
19 Xa bathe banisa enkundleni yamatyala, ze ningaxhaleli ukuba nothetha ntoni na, nokuba nothetha njani na; kothi, lakufika elo xesha, niyinikwe into eniya kuyithetha,
20 kuba asinini abaya kuthetha, nguMoya kaYihlo oya kuthetha kuni.
21 “Oonyana bomntu omnye baya kusana ekufeni, uyise anikele umntwana, bathi nabantwana babavukele abazali, babanikele ukuba babulawe.
22 Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.