22 Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam. Ke lowo unyamezelayo kude kube sekupheleni wosindiswa.
23 Xa banitshutshisayo kule dolophu, yiyani kwenye, kuba inene, aniyi kuzigqiba iidolophu zakwaSirayeli engekafiki *uNyana woLuntu.
24 “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, kungekho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.
25 Makaneliseke umfundi kukuphatheka njengomfundisi wakhe, nesicaka kukuphatheka njengenkosi yaso. Ukuba umninimzi babemthuka ngokuthi unguSathana, ungáthini na ukungàthukwa ngakumbi ngoSathana umzi wakhe?”
26 “Musani ukuboyika abantu. Akukho nto igqunyiweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.
27 Endikuthethayo kuni ebumnyameni, kuthetheni nina ekukhanyeni; enikusetyezelweyo nikubhengeze.
28 Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.