12 Ukususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, abantu babegxalathelana ukuya kulo ulawulo lukaThixo, abazimiseleyo bengena benyathelana.
13 Kwakuvakaliswa izibhalo zabo bonke *abashumayeli *nomthetho kaMosis, de kwafika uYohane.
14 UYohane nguye uEliya olindelweyo – ukuba ngaba niyavuma ukukwamkela oko.
15 Oneendlebe zokuva makeve.
16 “Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:
17 “ ‘Sanombelela, naza nina anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
18 “Kuba kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, kwaza kwathiwa: ‘Unendimoni.’