15 Oneendlebe zokuva makeve.
16 “Ndiya kubafanisa nantoni na ke abantu besi sizukulwana? Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:
17 “ ‘Sanombelela, naza nina anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’
18 “Kuba kaloku wafika uYohane umbhaptizi, ezila ukutya, engaseli wayini, kwaza kwathiwa: ‘Unendimoni.’
19 Wafika yena uNyana woLuntu esidla esela; kwaza kwathiwa: ‘Khanibone, umntu onyolukileyo, indlamanzi, umhlobo wabaqokeleli-rhafu naboni!’ Noko ke ubulumko bukaThixo bubonakala buyinyaniso ngayo yonke imisebenzi esisiqhamo sabo.”
20 Waza uYesu wazisola ngokungaguquki kwazo iidolophu apho wayesenza khona inkoliso yemimangaliso yakhe, esithi:
21 “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, wena Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abemi bakhona ngebaguqukayo kwakudala, bambatha ezirhwexayo, bazigalela uthuthu.